We do not have a sample of this song ):

Nathi's picture

Imibuzo

(View album: Buyelekhaya)

A Major (Ionian)

number of views for this lyric  2628 views

play button



40% accurate

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo

Ngeliny' ixesha sthandwa sam
Kuba ngathi awulbon' uthando lwam
Ngelinye ixesha sthandwa sam
Ndiba ngazama, awubon' umzamo wam

Kodwa xa ndingekho phambi kwakho
Uyayazi kuba njani na
Kuba xa ungekho phambi kwam
Ndiyayazi kuba njani kum

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku

Usakhumbul' uba
Kukh' izithembiso esazenzayo
Phambi komfundisi nabantu
Kuba wawuthe uzawuba nami
Noba kunjan
Ebuhleni nasebubini

Ndiyamangala xa izaba nguwe lo
Ofun' uhamba
Ufun' uthath' intozakh' ugoduke
Ndiyamangala xa izawuba nguwe lo
Ufun' ugoduka
Ngenxa yoba ndingenamali

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku

Yeyani?
Lemibuzo ndinayo ngawe
Yeyani, yeyani na?
Kutheni ndizibuza le mibuzo

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku

Get this song on
Apple Music

Get this song on
Spotify

Youtube
Soundcloud
Share what this song means to you..